<link rel="stylesheet" href="styles.cf390c6bfbe7555f.css">
Institutional Repository

Iinqobo zentlalo njengoko ziqulethwe ziintsomi ezichongiweyo zesiXhosa

Loading...
Thumbnail Image

Date

Authors

Ngcingwana, Thunyelwa Olivia

Journal Title

Journal ISSN

Volume Title

Publisher

Abstract

Olu phandonzulu lwenzelwa ukuvuselela ukubaliswa kweentsomi zesiXhosa kubantu nakubantwana. Oku kubaliswa kwezi ntsomi kubonakale kunikelwe umva kakhulu ngabantu abantetho isisiXhosa, nto leyo eyenze ilahleko enkulu esizweni kuba ezi ntsomi zidlala indima enkulu ekukhuliseni abantwana ngendlela eyiyo, nasekuphuhliseni ukuthethwa kolwimi lwesiXhosa. Olu phandonzulu ludandalazisa ukubaluleka kweentsomi ekusasazeni iinqobo zentlalo ezidingeka kakhulu ekukhokeleni abantu ukuze kubekho phakathi kwabo intlalontle, intembeko, intsebenziswano, ubugorha, ukwanela, ukuthatyathwa koxanduva, ukuvuk’uzenzele nobuntu. Kuvezwa iintsomi ukuba zizithuthi zenkcubeko yoluntu, ifuthe lazo lifana twatse neli lamakhasi onxibelelwano. Kusetyenziswe inkcazobungcali yokusebenza, ukubethelela ukubaluleka kwentsebenziswano ekuhlaleni. Intsebenziswano kanye oku kwale yamalungu omzimba, yiyo eza nomanyano ekuhlaleni, umntu ngamnye azibone ebalulekile, edingeka ekuhlaleni. Ziveziwe iintsomi zamazim, kwacaciswa ukuba nathi kweli xesha siphila kulo sinawo amazim aziziyobisi nokuthengiswa kwamalungu omzimba, apho umntwana ongaphulaphuliyo kubantu abadala xa bemlumkisa agangxeleka khona. Zinikiwe iingcebiso ekusetyenzisweni kweentsomi ngabantu ukuvelisa imfundiso nokonwabisa ngaxeshanye. Lulunyukisiwe ulutsha ngokugaxeleka kwalo kubuhlobo obungebubo, ubuhlobo boodyakalashe koomvolofu. Makubuyelw’eMbo, kusetyenziswe amachiza emveli.

Description

Citation

Endorsement

Review

Supplemented By

Referenced By